Umlilo wamadlelo noqale entilini esemva kwesikolo samabanga aphakamileyo I P.J. Olivier emva kwemini nje udale umonakalo oqikelelwa kumakhulu amathandathu amawaka eerandi emva kokonakalisa iziko elinyanga zine lakhiwe lweIT kunye nolwe biology.

Umlilo wamadlelo noqale entilini esemva kwesikolo samabanga aphakamileyo I P.J. Olivier emva kwemini nje udale umonakalo oqikelelwa kumakhulu amathandathu amawaka eerandi emva kokonakalisa iziko elinyanga zine lakhiwe lweIT kunye nolwe biology.

Abantwana besikolo bathe bafuduswa ukanti akukhange kubikwe ziganeko zakwenzakala.

Oyintloko yesisikolo uPiet snyders uthi umonakalo uwonke uphaya kwisigidi seerandi. Ziserver ezintathu kunyee nekhompyutha ezimashumi mane anesibini ezithe zatshatyalaliswa ngulomlilo. USnyders uthi nangona konakele izinto ebezikulamagumbi isimo samadonga nook sona asizukudinga kwakhiwa kwakho.

Ootithsala kunye nabafundi noko abadala bebeyinxalenye yabantu abebecima lomlilo ngamabhakethi kunye nethumbu lwamanzi e tepu phambi kokuba kufike izicima mlilo. Yindawo ethile apha kuphahla etshileyo nekwelicala umlilo ubuvela ngakulo.

Amaqela amabini wabacimi mlilo athe akhutshwa ngomkhono emva kwentsimbi yokuqala elinye lisiya esikolweni xeshikweni elinye belisiya emazantsi entabeni iCaravan park. Ukanti umlilo lo usesikolweni uthe waphantsi kulawulo olupheleleyo lwezicima mlilo phaya kwintsimbi yesihlanu emalanga, kodwa lo usedlelweni ube uqhubeka nokuvutha.

Funda banzi ufumane iinkcukacha ezizeleyo ngelinqaku kwiphephandaba lwangoLwesihlanu umhla we 2 Matshi 2012.   Ungathi ke uthenge ikopi onokuyifundela ekhomyutheni yakho apha

Comments are closed.