“Ngeze ndakwazi ukutya nantoni na ndisazi ukuba umntwana wam ulambile. Andazi nokuba unazo na kwa impahla zokunxiba kwesosisele,” lawo ngamazwi ke Honjiswa Mbewu, umama wentwazana emashumi mabini anesithathu eminyaka uNolubabalo Nobanda nowaziwa ngokuba nguBabsie ngabazana naye. Le ntwazana ibanjwe ngokwayamene nokuthutyeleziswa kweziyobisi ngoMvulo eThailand.

“Ngeze ndakwazi ukutya nantoni na ndisazi ukuba umntwana wam ulambile. Andazi nokuba unazo na kwa impahla zokunxiba kwesosisele,” lawo ngamazwi ke Honjiswa Mbewu, umama wentwazana emashumi mabini anesithathu eminyaka uNolubabalo Nobanda nowaziwa ngokuba nguBabsie ngabazana naye. Le ntwazana ibanjwe ngokwayamene nokuthutyeleziswa kweziyobisi ngoMvulo eThailand.

Umbewu ubethetha neGrocott’s Mail ekhayeni lakhe kwilokishi iJoza izolo emva kokuba iindaba zokubanjwa kwentombi yakhe zithe zangundaba mlonyeni emhlabeni jikelele. UMbewu uthi oko zithe zavakala ezindaba akakhange akwazi ukubuthi chwe ubuthongo kwaye akanamdla wayo kwanto esiwa phantsi kwempumlo.

Ukuqala kwakhe ukuziva ezindaba uthi uzive ngobhuti wakhe, uMthetheleli ngoMvulo. Ngokukamalumekazi kaNolubabalo, u Thandy Mbewu, nobethathwa nguNolubabalo njengomama wakhe, uNolubabalo uthe watsalela umalume wakhe umnxeba esithi usengxakini eBangkok.

Umakhulu wakhe uNomandla Mbewu, nobenoxanduva lokukhulisa lentwazana iseyimveku uthi uyamthemba uThixo uzakumbuyisa. Uthi yonke lento ixhomekeke kuThixo kwaye uthi uyamcela uThixo ukuba enze indlela abuye umntwana wabo.

“Ngelishwa ke, umnxeba lowo waye waqhawuka emva kwalomazwi asabinayo ke indlela yokunxulumana naye kwakhona. Ixesha kuphela apho besisiva ngaye bekuxa kuthethwa ngaye ezindabeni kumabona kude nangona bebengalichazi igama lakhe ekuqaleni besibubona ubuso bakhe kulomifanekiso” utshilo uThandy kudliwano ndlebe.

Uthi uNolubabalo “ubengumntwana othandekayo, umntwana ongazange wanika ngxaki engazange wazithabathela kwinto engafumenanga mvume yoko”.

 uThandy yena wongeze ngelithi, uBabsie ubeqhuba kakuhle nasesikolweni, “ubephumelela emagqabini eVictoria Girls High School. Ubengumntwana othuleyo, engumdlali wehockey kwaye elilungu leqela lomculo esikolweni sakhe futhi enomdla kwizifundo zobugcisa.”

Abakubo bayanqwena kakhulu ukuba urhulumente waseThailand kazukubalukhuni kakhulu emntwaneni wabo. uThandy uthi ukuba umtshana wakhe angafunyanwa enetyala kunyanzeleke ukuba aye esiseleni, uyanqwena ukuba bamvumele isigwebo sakhe azosenzela apha eMzantsi Afrika kufuphi nabakowabo. Uthi bayambongoza urhulumente waseThailand ukuba angasenzi lukhuni isandla sakhe.

 uNolubabalo ugqityelwe ukubonwa ngabakubo ngomhla wama24 kuNovemba ngexesha esinge eBhayi nomhlobo wakhe ohlala kwilokishi yaseTantyi. uThandy uthi akhange bave kwanto kumhlobo lo ubehambe naye, “kwaye khange sive kwanto ngomhlobo lo wakhe ezindabeni kwaye akakasitsaleli mnxeba” uhlomle watsho uThandi.

. Ngexesha lokubanjwa kwakhe, uBabsie ubefundela isidanga sezoqoqosho (Bachelor of Economics). Ngo 2007 wathi wabhalisela iBA kwiDyunivesithi iWits kodwa akakwazi ukuqhubeka nezifundo zakhe ngenxa yokushukuxeka kwezimali ekhaya.

Uthe ke wabuyela eRhini nalapho asebenze kwinkampani yokupheka kamalumekazi wakhe. iDyunivesithi iWits ithe yakhupha iingxelo ezichasanisa leDyunivesithi kulentwazana. Nangona kunjalo iGrocott’s Mail ikwazile ukufumana ubungqina bembalelwano yangonyaka ka 2008 ivela kule Dyunivesithi befuna agqibezele imadlana ebezityala. 

Xa simbuza ukuba angakwazi na ukutyelela umntwana wakhe xa enofumana ithuba lokwenza njolo, uMbewa uthi “andiqondi ndinganakho ukuya phaya. Ndiyazicingela nje ukuba kunganjani ukumbona. Ndinomfanekiso ngqondweni ukuba angathini xa endibona ndibe ndizophinda ndivalelise emva koko ndimshiye yedwa apho”, le mpendulo ibisele ikhatshwa zinyembezi ebengakwazi kuzibamba uMbewa.

Ukubanjwa kwalentwazana kuthe kwachaphazela bonke abakowabo. Umalume wakhe omncinci uye wawa isiqaqa ngoLwesibini ekuveni kwakhe ezi ndaba.

Abakowabo abazi noba bayakuze bakwazi na ukuya eThailand ukutyelela uBabsie, kodwa abasebenza nomamakhe kwinkundla kaMantyi bathe bavula I akhawunti ebhankini ukuze nabani na ofuna ukunceda ukubabonelela ngemali yokundizela eThailand bayokutyelela umntwana wabo. Le mali ingafakwa kwi bhanki yaseAbsa ku 9205232768.

Comments are closed.