Indlu endala yangasese kunyanzelekile inuke emva kwethuba, kukwanjalo ke nakweligumbi lonxibelelwano ngomnxeba lubizwa i-outoilet

Indlu endala yangasese kunyanzelekile inuke emva kwethuba, kukwanjalo ke nakweligumbi lonxibelelwano ngomnxeba lubizwa i-outoilet

Ukuba uhlala eRhini kwaye unomnxeba, khawutyelele iGrahamstown Now. Le yi sayithi entsha yemfonomfonon ekunika iinkcukacha ngobunnjalo bazo ezifana nemibhoyozo ebanjelwa apha, imiba yezoshishino, iividiyo ezithunyelwa ngabantu nezihlasimlisa umzimba, iindaba ezintsha zosuku zeGrocott’s Online kunye nokuninzi.

uFranklyn Abrahams uthi “uninzi lwezinto ezithethwa apha lulwimi nezinto abantu abangaqinisekanga ngazo”. uAbrahams uthi ingxaki kukuba abantu bayithatha njengenyani yonke into ethethwa apha.

Nanjengoko izityholo zisitsho izinto ezixoxwa apha sidala uqhawuko kwimitshato neyantlukwano kwizithandani, ze uninzi kudityanwe ngalo apha lungazi. 

Eligumbi lonxibelelwano I outoilet lutyholwa ngokudala iyantlukwano emandla nodandatheko emphefumlweni kubaninzi ze lwadala uqhekeko ngokwasekuhlaleni kwabo balusebenzisela unxibelelwano nakwabo babangqongileyo.

uGurshan Human yena uthi “abantu babhala nantoni na kulesayithi ukuzama ukuhlazisa amagama abantu”. Uthi ukuba angafumana umsebenzi wokutha ipetrol egaraji ezama indlela yokuphila, abantu bazakubhala bahlekise ngalonto ngoba uninzi lungena kulesayithi “ukutsalela phantsi abanye abantu” kungoko ke uninzi lwabantu lumadolw’anzima ukubayinxalenye yale sayithi.

uLennox Groeneberg uthi udade wabo uphantse waqhawukelwa ngumtshato nanjengoko bebekhe bohlukana okwexeshana nomyeni wakhe ngenxa yobuxoki obusasazwe kule sayithi. Uyabancoma ke ngobuqili bokumelana nalomba nanjengoko sele bewulungisile lomba.

Indoda engafunanga kuchazwa ngegama kuba ikhusela isidima sayo ithi, “ukuba ubani ulala nabantu abaninzi abo banomona ngaye wova bemanyelisa ngesityholo sokubanentsholongwane kagawulayo. Baninzi kea bantu abangafunanga kubinzwa ngamagama kuba benoloyiko lokuba kuthethwe ngabo kule sayithi. 

I-outoilet yi webhu sayithi yaseRussia nesetyenziswa ikakhulu ngabahlali beli loMzantsi Afrika ingakumbi abo bantetho isisibhulu. uHuman uthi lesayithi isetyenziswa ikakhulu ngamakhaladi kuba intlalo yabo ithungelene kakhulu noninzi lusazana. uAbrahams uthi akukho kwanto intle abayithethayo omnye ngomnye kule sayithi.

Comments are closed.