Xa bendifumana ukuba zingaphi izinto athe wazenza ngempumelelo lo uminyaka ingama 26 ndiye ndazibuza umbuzo othi: “Uwathathaphi amandla?” Kodwa ngoku ngithe ndadibana naye ndiyabona ukuba kukuzimisela oku kuqhuba isakhono sakhe sokuza nezinto ezintsha. 

Xa bendifumana ukuba zingaphi izinto athe wazenza ngempumelelo lo uminyaka ingama 26 ndiye ndazibuza umbuzo othi: “Uwathathaphi amandla?” Kodwa ngoku ngithe ndadibana naye ndiyabona ukuba kukuzimisela oku kuqhuba isakhono sakhe sokuza nezinto ezintsha. 

UJames Lech wenze izifundo zakhe ze BSc kwiDyunivesithi iRhodes ze wayakuphuma kwiOnazi kwiInformation Systems. Ngokukhethwa ukuba abengomnye wabalikhulu kubahlakaniphe ngaphaya komlinganiselo eMzantsi Afrika, uthe wafumana ischolarship ukuba afunde eHarvard apho afunde khona iBusiness Management (Ulawulo lwezoshishino), naseCambridge apho afunde khona iSustainable Development Scenario Planning. Ukwangusihlalo weHaiko energy, inkampani ethengisa iwind turbines ezikwizinga elisezantsi, ze anike iingcebiso kwiinkampani ukunciphisa imiphumela emibi kwezendalo logama besenza ingeniso enkulu.

Ulilungu lweSouth African Wind Energy Assiciation kwanelungu lwekomiti yeGreen Building Council of South Africa phakathi kwezinye izinto azenzayo.

ULech unovimba weengcinga ngezinto ezintsha, kwaye wabanomdla kwiGreen Development neengcebiso nophuhliso.

Ngexesha esengumfundi wathi wacela umngeni kwindlela yokwenza izinto ze waphumelela, kunyaka wakhe wokugqibela kwiGeography, wabhala ingxelo yophando lwakhe ngokusetyenziswa kweChinese geomancy (neyaziwa njenge feng shui) kunye ne Geographical Information Systems (GIS) eRhini.

IDyunivesithi le kuqala yayikuthandabuza ukukhetha kwakhe umba onzima ngoluhlobo kodwa ekugqibeleni wabonisa ngokuphandle ukuba ngokwenene ifeng shui bubunzululwazi nendlela yokuphila nathi ukuyichaza “yinto eyayingenziwa ncam ngaphambili”.

Iprojekthi le yakhe ithe yafunama indumasi engumangaliso ze wawongwa ngokufumana amanqaku aphezulu kunabakoludidi lwakhe. Xa ebuzwa ngexesha achithe eRhodes uthe, “bendingungantweni, xa umntu nokuba ngulo undifundisayo esithi ‘hayi’ okanye esithi ayinakwenzeka, bendisoloko ndizama kalukhuni ukubonisa ukuba ingenzeka”

Uyabukhumbula ke ubomi bokubangumfundi enqwena kananjalo ukuba angakhe abuyele ukuba “ndihlale nje phaya ndifunde into ephum’ecaleni.” Okokoko ke wathi washiya le dyunivesithi ubengumniki ngcebiso nomphuculi wenkampani ezenza icarbon neutral nezimncede ukumlungiselela ubugcisa bakhe kusungulo lweprojeckthi iGreen Healthcare Network, eDubai neyaziwa ngokuba yiMasdar Projekthi.

Nangona engumpondo zihlanjiwe nje kwinto ayenzayo usafumana inkcaso kwabanye babantu abacebisayo kwaye utsho ukuthi “eyona nto ibuhlungu kukuba wonke umntu ekupheleni kosuku ufuna ukwazi ukuba angayenza njani imali eninzi engathathanga xesha lide achithe imali eninzi.”

Le yinto ke eyihlupha kakhulu intliziyo yakhe kodwa nanjengokwenkolelo yakhe, “uthi ubengongaphumeleliyo xa ugqiba ekubeni unikezele” lenkolelo ke imqhubele ekubeni abheke phambili nokuceba ukuba angazibonelela njani na ezi mfuno zaba bantu arhweba nabo.

Imveliso zakhe zokonga umbane zifunwa kwizwekazi lonke le Afrika sithetha nje kwaye ubekhe wantingela eNigeria kutsha nje nalapho adibene nomongameli weliya kunye namanye amagosa aseburhulumenteni weliya ukudlana indlebe ngokunokwenziwa ukukhawulelana nezidingo zombane kwela lizwe.

ULech sithetha nje usathe tsi gxada kwikhefu eMelika, ukanti nangexesha lakhe lokuphumla akakwazi kuwavalela amathuba omsebenzi. Kutsha nje uthe wamenywa ukuba aqeqeshe nohamba phambili ehlabathini kuqeqesho lwezinja ezikhokela abantu uDavid Dikeman kunye nophambili kuhlebezelo lwezinja uCesar Millan.

Ndilibele ukutsho ukuba nalapha eAfrica uLech uhamba phambili kuhlebezelo lwezinja, oko kutsho ukuthi ke akangomntu nje ujongene nezendalo koko uyakwazi ukuhlebela inja yakho engalawulekiyo itshintshe isimilo.

Impumelelo yakho ikumyinge we 100 pesenti kwaye sithetha nje uceba ukubanohlelo kunomathotholo nakumabonakude nanqwenela ukuyiqalisa kunyaka ozayo, nengohlebelo lwezinja.

Ukholelwa ekubeni ke “bambalwa kakhulu abantu ehlabathini jikelele ongenza lento ndiyenza nezinja kunye nabaninizo. Lubizo nje olukhethekileyo lufana nesangoma.

Asinto le unokuyifundela esikolweni, ufunda kuphela kwindalo nezinja. Nanjengokuba ubona umba wam wokugcina utyani luluhlaza, ndijolise ekuncedeni abantu babuyele emva kwindalo.”

Akakaqiniseki ke okwangoku ukuba yintoni azakube eyenza kwiminyaka elishumi ezayo ebomini bakhe, kodwa uthi uyaqiniseka ukuba iyakubangcono mpela kunezinto asele ezenzile ukuzakuthi ga ngoku.

Ungumntu ke odikwa msinya kukuphindaphindwa kwento enye, ngoko ke ungumntu osoloko ekhangela into entsha ukumgcina enento ayenzayo esandleni, nokufumana izakhono ezintsha ukuphucula ishishini lakhe.

Bukela ke wena hlabathi, uJames Lech unenqwaba yeziqinisekiso zemfundo, nezixhobo zokulondoloza amandla ombane, angathi ahlebele izinja amacebo okuthathela ilizwe kuzo. kwiGrocott’s Mail ngoLwesibini ngomhla we 22 Juni 2010 ngokwezendalo kuwe ikhephu!

 

Comments are closed.