Abahlali abadinga indlu ye RDP kufuneka bafake amagama abo kwiicouncilor zeward kunye neekopi zezazisi zabo, sitsho isithethi sikaMasipala wase Makana uThandy Matebese.

Abahlali abadinga indlu ye RDP kufuneka bafake amagama abo kwiicouncilor zeward kunye neekopi zezazisi zabo, sitsho isithethi sikaMasipala wase Makana uThandy Matebese.

Ubephendula kwinkxalabo yabantu baselokishini bekhalaza ngesimo sezidlu zabo. Umasipala iMakana akakhi zindlu, oku kwenziwa lisebe lephondo kunye namasebe kazwe lonke.

Umasipala uthi abonelele ngamaxwebhu ayimfuneko ze aphinde ancedise ekuqokeleleni amagama wabo bafake izicelo. Amagama ke athi athunyelwe kwisebe lezezindlu eBisho ukusuka apho abe sele egqithiselwa kwiofisi yengingqi eBhayi.

Uhlelo ke lwenziwa ebisho ze ke ababoneleli ngeenkonzo ezifana namanzi kunye nombane bonyulwa ze balawulwe eBisho.

Xa kengoku abahlali sele bengenile ezindlwini zabo abo bangeniso ingaphantsi kwamawaka amathathu bathi bafumane iinkonzo zabo ze bafumane nemali yenkamnkam engaphezulwana ekhulwini ngenyanga.

Bazakuthi ke banikezwe ibala, indlu kunye nazo zonke iinkonzo ezihambelana nook, “ngokuya ke umrholo wakho usiya ukhula nawe kuyakunyanzeleka ukuba ubenomrhumo owukhuphayo” , wangeze ngelitshoyo uMatebese.

 Izicelo ke kufuneka zanelise iimfuno ukuze ubani akwazi ukufumana indlu yesibonelelo. Ulwabiwo lwezi zindlu ke luthi lwenziwe kusetyenziswa uluhlu lweengeniso zabantu. Ngoko ke abo bafumana umrholo osuka kwiqanda ukuya kumawaka amathathu bangakwazi ukuthi bafumane indlu mahala kungekho nto bona bazakuyikhupha.

Ukufaka isicelo soku ke ubani kufuneka enze njalo kwiofisi ejongene nabo bahlelelekileyo neseHigh street. Abahlali ke kufuneka befake izicelo minyaka le kuba iimeko zabantu zingathi ziphucuke kunyaka othile.

Ipolisi ke le yabahlelelekileyo ithi ibonelele ngombane namanzi ngaphandle kwentlawulo kwabo bazicelo zabo zibeyimpumelelo. Ukusetyenziswa kwamanzi angange 50 kilolitres ekuqaleni kufelefele kodwa ukugqitha kulomlinganiselo kuza nentlawulo.

“Umlinganiselo lo ke ubonwe ukulungele ukugcina usapho kangangenyanga”, wongeze ngelitshoyo umatebese. ULuyolo nogxabela nosisithethi sikamasipala kwiJoza housing unit uthi, uluhlu lwamagama alonyaka uphelileyo athe axhonywa ngoApril nangoNovemba. Uthi olu luhlu kulula ukufikelela kulo kwaye wonge ubani uvumelekile ukulukhangela.

UMatebese uthi bazama ngankalo zonke ukuyenza le nkqubo ibelula kwaye ingafihlisi nto. Uthi imihlangano iyabanjwa nabahlali nalapho bathi banikwe ithuba lokuba babhalise ze babonelelwe nangoluhlu ukuze babone ukuba ngubani na eliphumileyo igama lakhe.

UMatebese uthi urhulumente kazwe lonke unesixa mali esithile esibekelwe bucala ukulungisa izindlu zesibonelelo ezingekho mgangathweni onguwo. Uthi ke ulungiso lwezi zindlu yinto eyenziwa kweli loMzantsi Afrika jikelele. 

“Oku kwenza ke ukuba kungabikho lula ukuqhatha abantu”, kodwa ke ukufumana izindlu akuhambi ngokuba ngubani ofike kuqala kodwa kujongwa ngokweemfuno zabantu nokuba bakulungele na ukuncedwa, wangeze ngelitshoyo uMatebese. Uthi umntu osekuqaleni kwi list kungenzeka ukuba urhola ngaphezulu kulowo usezantsi, ozakufumana indlu kuqala ke ngolowo usezantsi eluhlwini apho. Uthi ukucandwa kwamabala kuyeyona nkqubo yakhe yande kwaye ixhomekeke kwimali yesibonelelo nevela kwisebe lezezindlu.

Comments are closed.