Iziphumo zebanga leshumi zibonisa ukuba abantwana abahlolwa ngolwimi lwabo lwenkobe benza ngcono kunabo bahlohlwa ngolwimi olungelolwabo. Oku kuvakaliswe yi CEO ye Afriforum, uKallie Kriel nothe wamemelela ukuba abazali bafake urhulumente kuxinezelelo lokuba amilisele ukufundiswa kwabantwana ngolwimi lwabo lwenkobe ezikolweni.

Iziphumo zebanga leshumi zibonisa ukuba abantwana abahlolwa ngolwimi lwabo lwenkobe benza ngcono kunabo bahlohlwa ngolwimi olungelolwabo. Oku kuvakaliswe yi CEO ye Afriforum, uKallie Kriel nothe wamemelela ukuba abazali bafake urhulumente kuxinezelelo lokuba amilisele ukufundiswa kwabantwana ngolwimi lwabo lwenkobe ezikolweni.

Nangona esi simemelelo sinokuthi sibothuse abaninzi nabawe bevuka ukuthumela abantwana babo kwizikolo ezihlohla ngesiNgesi kuphela, mininzi imiba ekudingeka ukuba ivelelwe apha. Abezophando bathi kuninzi okunokuzuzwa kulwimi lwenkobe nanjengokuba kunjalo ukufundwa ngolunye ulwimi.

eCanada, apho ulwimi olusemthethweni isisiNgesi kunye nesiFrench, abazali abathile bakhethe ukufundisa abantwana babo ngolwimi olungelolwabo khona ukuze bangazi lwimi lunye nje kuphela.

Nanjengoko kulindelekile aba bafundi bathi bafunde lukhulu ekuthetheni olo lwimi lungelolwabo kunabo bafunda ngolwimi lwabo. Kwaye ke futhi akukho zimpawu zibonakalayo zakungaphumeleli ncam kwezemfundo kuba befunda ngolwimi olungelolwabo.

Nangona kunjalo ukuba umntwana olwimi lusisiFrench umse kwisikolo sesiNgesi, isingesi sabo asizukufana ncam nabo isiNgesi silulwimi lwabo lwenkobe kwaye ulwimi lwabo lwesiFrench kuhlala lulelona luphezulu kubo. Kodwa lomzekelo kufuneka uqwalaselwe banzi. Noba bahlohlwa ngaluphi na ulwimi, eyona nto ibalulekileyo yeyokuba bafumana imfundo ekwizinga eliphezulu negxininisa ikakhulu isiko lokufunda kwimfundo esisiseko. 
 

Abantwana abafundiswa ngolwimi engelolwabo eskolweni bathi bahlohlwe ulwimi lwabo njengesifundo ze babeneencwadi ezininzi abakwazi ukufikelela kubo ezingolwimi lwabo kwaye emakhayeni abo bathi bafumane inkxaso ekufundeni nokuphucula ulwimi lwabo. Aba bantwana bathi bazikhethele ukuzifundela nangexesha labo ngolwimi lwenkobe ukuzigcina bexhobisekile kulo.

Kweli loMzantsi Afrika, uninzi lwabantwana bafundiswa ngolwimi lwabo kusuku lokuqala esikolweni ukuya kwisigaba sesithathu, ze ukusuka kwesesine bafundiswe ngesiNgesi. Lo mgaqosiseko wenzelwe ukuqinisekisa ukuba abantwana banesiseko esisisosolwimi lwabo lwenkobe. Kodwa xa siqwalasela kwizixeko ezikhulu wofumana ukuba kwakusuku lokuqala abantwana bahlohlwa ngolwimi lwesiNgesi de bayekugqiba ukufunda.

Imvavanyo ezenziwe lisebe lezemfundo ekupheleni kwesigaba sesithathu zibonisa ukuba indawo umntwana akhulele kuyo nesimo sezimali sakuwabo zezona zinto zenza umahluko kakhulu xa zithelekiswa nokuba loluphi ulwimi abahlohlwa ngalo. Ngo 2006 umzantsi Afrika wathi wathatha inxaxheba kuphando lwesakhono sokufunda kwabantwana. Abantwana besigaba sesine nesihlanu bavavanywa ngolwimi abakhuliswe befunda ngalo, inxalenye ke yayilulwimi lwenkobe

Abantwana abahlohlwa ngesiNgesi nesiBhulu yabangabona bachazwa ngengabaneziphumo ezingcono kunabo bolwimi lwenkobe. Ukanti abantsundu abavavanywe ngolwimi lwesingesi benza ngcono kunabantsundu abavavanywe ngolwimi lwabo lwenkobe. Kungesizizo kuphela ezi zinto, abantwana abafunda ngolwimi lwenkobe abanazixhobo zaneleyo abakwaziyo ukufikelela kuzo ukuze bafunde ngokuphuhlileyo.

Ukanti uphando olwenziwe ngu Elizabeth Pretorius no Sadly Currin bedyunivesithi iUNISA lubonise ukuba abantwana baselokishini nabanikwe ithuba lokufikelela kwiincwadi zesiPedi nesiNgesi ngenjezifundo ebekunyanzeleke bezenzile benze ngokuncomekayo kakhulu. Amanqaku okufunda ngesiNgesi ebengentla kulawo wesiPedi ngenxa yokuba iincwadi ezingesiNgesi zibezininzi kunezo zesiPedi abantwana abebenokukhetha kuzo.

Abantwana bathe babonakalisa unxibelelwano olululo ekufundeni ngezilwimi zombini ekufundeni nakwimpumelelo kwizifundo zabo. Ngoko ke oluphando lubanceda njani abazali ukuba benze izigqibo ngemfundo yabantwana babo? Into endinocebisa ke ukuba bayenze kukuba:  

  • Bakhethe esona sikolo sibonelela ngemfundo ekwizinga eliphezulu nabakwaziyo ukufikelela kuyo enokuba oku kuthetha ukuthi abantwana babo bazofunda ngolwimi engasilolwimi lwabo lwenkobe
  • Ukuqinisekisa ukuba abantwana babo bafundiswa ukubhala, ukufunda kakuhle ngolwimi lwabo nangolwimi lwasemlungwini
  • Baqinisekise ukuba isikolo abasikhethayo sinazo ngokwaneleyo iincwadi zezilwimi zombini
  • Bafake uxinezelelo kwisikolo eso ukuxhasa ukufunda umntu ngolwimi lwakhe kunye ngangesiNgesi ukuba kunyanzelekile
  • Baxhase abantwana babo ukuphuhlisa isakhono sokufunda ekhaya, ingakumbi ngolwimi lwabo – babathengele iincwadi, babase kwithala leencwadi lwasekuhlaleni, babafundele ngexa besebancinci ze babamamele befunda ngokuya bekhula

Comments are closed.