Nangona iikomoti zewadi zidlala indima ebalulekileyo ekuhlaleni, uninzi lwabantu alwazi ukuba zisebenza njani phantsi kwewadi nganye kumasipala.

Nangona iikomoti zewadi zidlala indima ebalulekileyo ekuhlaleni, uninzi lwabantu alwazi ukuba zisebenza njani phantsi kwewadi nganye kumasipala.

Isahluko sesine kwincwadi yeewadi kubhalwe kwathiwa “ngenxa yobubanzi bomsebenzi ekufuneka wenziwe ngumasipala namagunya ache, uninzi lwamaqela lungathi lubenolangazelelo ekwazini imibandela ethile kamasipala”, nto leyo eyenza icace into yokuba ezi komiti zakhiwa zijoliswe kubahlali. Iqhuba ithi ke le ncwadi, ikomiti nganye kufuneka inamalungu alishumi nakhethwe kuluhlu lwabantu ngokwahlukana kwemfuno nokuzakongeza ekuphuhliseni oko umasipala akuzamayo. Izinto ke umasipala afuna ukuzenza kwiwadi nganye zithi zidweliswe ngokoluhlu lweIntergrated Development Planning (iIDP ngamafuphi) kunye nendlela ezakulandelwa ukufezekisa ezomfuno. Kuluhlu lwezi zinto kuquka iinkonzo ezifana namanzi, umbane, izindlu, indle, iindlela, amanzi kokunkcenkcesha kunye neendawo ezakhelwe ukuhambisa amanzi angagwantyi ezitratweni. Ezinye zenkonzo zasekuhlaleni ezibaluleke kakhulu ziquka ezempilo kunye nezokhuseleko.

Xa uthatha le meko ke iyithelekisa neekomiti zewadi zikamasipala weMakana, isithethi sekhansila uRachel Madinda uthe wacacisa ukuba umasipala wathi wafaka isaziso kwiphephandaba lasekuhlaleni sokuba konyulwe iikomiti zeewadi kuMatshi kulonyaka. Isaziso esi ke yayikukwazisa uluntu jikelele ukuba iikomiti ebezanyulwe ngo 2006 ixesha lazi lifikelele esiphelweni ekupheleni kuka Febhuwari. Esi simemelelo sithi sachaza ngokubanzi ukuba ookhansila beewadi bazakuthi babize imihlangano apho kuzakuthi konyulwe khona ikomiti entsha. Uthi ke uMadinda uluntu aluzange lusithathele ngqalelo esosaziso nanjengoko wayelindele ukuba bafake uluhlu lwamagama amaqela anomdla kwi ofisi yakhe. Ngoko ke, umasipala wathatha amanyathelo okuya ngokwakhe kweziwadi ukuyakukhwaza exelela abantu ukuba baye kumhlangano apho abantu abalishumi bazakuthi bonyulwe. Ku wadi 5, 6, 10, 11 no 12 akukho zikomiti sithetha nje. UMadinda ke uthi oku kubangelwa kukuba abantu bezi wadi bathi zange banalo kwa ulwazi lwalemihlangano.

Umhlathi we 74 (b) weMunicipal Structures Act, wango 1998 uthi ikhansila inakho ukuthatha imisebenzi ethile namagunya kamasipala iwanike lekomiti. Umsebenzi wekhansila ke kukubangusihlalo wekomiti yewadi leyo aze asebenze njengekhonkco phakathi kukamasipala kunye noluntu.

Ikomiti le ke yewadi ithi ixele iingxaki zayo apha kwikhansila nethi yona izithathe iyekuzixela njengengxelo yenkqubela kwimihlangano yamagosa kamasipala. Ngokwalomthetho ke imbono esemthethweni ithi “kunzima ke ukuqulunkqa imisebenzi emayenziwe zezikomiti zewadi.” Ngoko ke iSouth African Local Government Association (iSALGA ngamafuphi) kunye nabacebisi bayo abasemthethweni bacebisa ukuba zingabikho iikomiti zeewadi. Lomthetho ukwatsho ukuthi “ilomiti yewadi ingayibhodi ebalulekileyo ezakukhuthaza ingingqi yenze intshukumo ze ikhuthaze ubudlelwane neeprojekthi zasekuhlaleni.” Ngaphandle ke kwemisebenzi noxanduva olu sele lutshiwo, umasipala uyakwazi ukuzenzela eyakhe imithetho asungule eyeyakhe imisebenzi emayenziwe zezikomiti ekuhlaleni.

Comments are closed.