Imeko ithe yafikelela kwangqingetye kuleveki ngombandela wefama Agribusiness eSalem emva kokuba abo banezikhalazo bedibene namagosa akwamasipala iMakana kunye namagosa wesebe lwezemhlaba nekhomishini yobango lwemihlaba.

Imeko ithe yafikelela kwangqingetye kuleveki ngombandela wefama Agribusiness eSalem emva kokuba abo banezikhalazo bedibene namagosa akwamasipala iMakana kunye namagosa wesebe lwezemhlaba nekhomishini yobango lwemihlaba.

La maqela athe ahlangana kulefama nguMvulo ukuxoxa ngombandela wezixhobo kunye noomatshini abasetyenziswa kule fama, kodwa ingxoxo isuke yakhokelela kwintetho enentiyo, ubuhlanga kunye nocalucalulo ngokwemvelaphi kwaye ziphembelela umlo. Nangona kunjalo akukhange kubekho nalinye igosa laseburhulumenteni elithe lakhalimela ezintetho nto nje, maxa wambi lamagosa akhangeleke njenganqwala intloko kwizithuko neentetho ezinobuhlanga ebezijoliswe kumafama amhlophe eSalem, ingakumbi kwezo bezigqaliswe kobesaya kubangowale fama, uMartin Fick.

Kwabo bebezimase lomhlangano ibingamalungu wekomiti lweqela elibanga umhlaba eSalem nelibizwa ngokuba yiSalem Land Claimants (iSLCC ngamafuphi), umeya kamasipala iMakana uVumilwe Lwana nomphathi uNtombi Baart, kunye nomlawuli kwisebe lezemihlaba uZama Memela no Linda Faleni, ongumkomishinala wobango lwemihlaba.

UMisile Nondzube, olilungu lweSLC, ubekhokela lomhlangano esenza intetho zobuhlanga oko, esitsho ngelingafihlisiyo ukuba yena ufuna ukuqinisekisa ukuba onke amafama amhlophe aphume aphela eSalem. “Sifuna yonke indawo ethi Salem, kuba iyeyethu,” wongeze ngelitshoyo. Uye ke wakhwela ezehlela nalapha kuLwana ngelithi “uyaboyika abamhlophe” kuba engade amyalele uFick ukuba aphume aphele kulomhlaba. ULwana uzidlele amacwaka. Ukanti kubekho nabahlomlayo ngobumi babo baqeshwe njengabalawuli nguFick etyholwa ngokuqesha abemi baseZimbabwe kuphela kwizikhundla eziphezulu (kuba naye kakade evela eZimbabwe) nto leyo evalela abemi beli, ingakumbi abalangingqi amathuba emisebenzi.

Ezi zityholo kunye nezinye bezisenziwa apha kufuphi naye uFick ngexesha exama ukuqoqosha konke okuthi yena kule fama kuquka ubuxhakaxhaka bakhe. Ubengamenywanga yena ukubayinxalenye yalomhlangano. Abanye abebeshiywe ngaphandle liqela iAmabhoxo Development Trust, nelasekwa lisebe lezemihlaba nelobango mihlaba nolwalujolise akuncediseni ukubuyisela imihlaaba kwabo babeyibanga. Usihlalo weAmabhoxo, uGibson Nombewu akafumanekanga ukuvakalisa uluvo lwakhe kulomba, nangona imvakalelo yakhe emva phaya ibibonisa inkxaso yokuba uFick ahlale kulefama.  “Sisebenzisana kakuhle kakhulu noMartin Fick, ubehleli esixhasa ngeenxa zonke kwimizamo yethu” leyo ibeyintetho yakhe kwiphephandaba iThe Herald.

Ngokuka Fick, iAmabhoxo Development Trust lelona qela libhaliswe ngokusemthethweni xeshikweni iSLCC iliqela eliqhekeke kweli nelihlala lisoyikisa hayi nje amafama amhlophe kuphela koko nabasebenzi abahlala besebenza kwiifama zonke zale ngingqi yaseSalm. “Akukho mntu wakhe wakhangela ukuba aba bantu babhalisiwe kwisini na”, waleke ngelitshoyo uFick. UFick uyithengise le fama ngoJuly kulonyaka emva kokuba isebe lobango lwemihlaba lifumene ze lapasisa ubango lwalomhlaba. UFick ubecengile ke ngaphambili ukuba aqeshiselwe indawoleyo inefeed mill kunye nendawo agcina kuyo izixhobo zakhe de afumane enye indawo apho azakuthuthela khona izinto zakhe. Umkomishinala uFaleni wathi ke wamcebisa ukuba athethe nabantu uqobo. Omabini ke lamaqela athi avuma ukuqeshisa ngeehectare ezimalunga ne 81. Kusemva kwesi sivumelwano kea pho iSLCC ithe yaphinda yaceba ukumgxotha uFick. Babambe uqhankqalazo ngoLwesihlanu benemiboniso ethi “buyela eZimbabwe!”

Iphephandaba iGrocott’s mail inalo uxwebhu olusuka kwiTrust nolubonisa isivumelwano esithi uFick angazisebenzisa izakhiwo eziyimfuneko kangangeminyaka emihlanu ngaphandle kwentlawulo. Yena uthi wenza isivumelwano neSLCC ukuqesha lendawo ngesixa mali esikwi R15 000 ngenyanga ukusuka ngomhla wokuqala uOckthobha nangona bekungavumelekanga nje ukuba ikomiti le imfune imali. UFick ke yena akanalo oluxwebhu nolungqina ubunyani boku kuba imizuzu yentlanganiso bekukade igcinwa ngamalungu la weliqela ixesha elide, uhambise ngelitshoyo uDennis Gorivoto nongumhloli wezimali weAgribusiness.   

NgoMgqibelo umhla we 26 kuSeptemba, usapho lakwa Fick lwathi lwaphuma kwindlu ekule fama. UFick uthi kwavunyelwa umbangi osuka kwiqela leAmabhoxo ukuba angene kulendlu kwakuphuma usapho lwakhe. “NgoMqibelo ebusuku, iSLCC yafika yamdlakathelisa ukumkhupha kuloondlu lomntu ubefakiwe, kwaye lento bayenzileyo ayikho mthethweni” waleke ngelitshoyo. Oku kuthe kwangqinwa nagumlawuli wezimali kwi Agribusiness u Robert Munyawiri nothe “Baliqela elinamandla xa ulithelekisa neAmabhoxo.” uFick uthi lomba iAmabhoxo Development Trust isawubeke enkundleni, kodwa kuba kukhona indlela ende ethathwa ngumthetho kucingwe ukuba iAmabhoxo ayiliphumelelanga elo tyala. “Abantu balapha eSalem baxhasa iqela eli lingenamandla” waleke watsho uFick. UMunyawiri uthi “abantu abasebenza apha baphulukana nemisebenzi kwaye bazakulamba.”

 “Eyonanto siyifunayo thina kukuphucuka kobomi bomntu wonke” utshilo uFick ejolise kwinjongo zeKhula-Sizwe ebonelela ngezimali ikwalawula amasebe amathathu weAgribusiness apha eMzantsi Afrika, eMozambique naseZimbabwe. IKhula-Sizwe yaqala eZimbabwe ngonyaka ka 1997 ngenjongo yokuxhasa nokuqeqesha amafama afuye iinciniba asakhulayo kunye nalawo asemancinci. Ngokwe webhu, iKhula-Sizwe “Likhonkco elijolise ekwakheni ubudlelwane luqinisekisa ukuxhamla kwimakethi yamazwe omhlaba jikelele. Ukuqinisekisa ukuba amafama asakhasayo athi avelise imveliso exabiso likhuphisana nelamazwe omhlaba jikelele.” Ifama le kaFick iyodwa ixhasa malunga namashumi asithoba anesibhozo 98 amafama asakhasayo kwingingqi yasePeddie, mafama lawo anginanto yokondla imfuyo yawo ngenxa yokunikwa uphumaphele kwiindawo ebekuzo. “Asiziva kakuhle, le yimeko engalunganga” uhlomle ngelitshoyo usihlalo we Khula-Sizwe Ostrich Farmars participation Incentive Trust, u Mthobeli Maselwa. Le trust yathi yasungulwa ngoncedo lwesebe likazwe lonke lwezolimo kunye neAgriBEE Fund kazwe lonke. UNonelelo Mangi, noxhamla kuleTrust uthi kuphele ngoku sithethayo ukutya kweenciniba zakhe. “Ndicinga ukuba yingxaki. Andinwabanga tu”, waleke ngelitshoyo.  

Ngenxa yoloyiko lwekamva lwamafama asakhasayo, usekela mlawuli kazwe lonke kwisebe lezolimo uAndile Hawes, uyinxalenye yolubango ludala ingxwabangxwaba lweAgrbusiness. Walile ke ukuhlomla ngalombandela de abe uthe waziswa ngokupheleleyo ngesimo sakutsha nje. “Kwasoloko kukho ingxaki xakufuneka kubuyiselwe ubango lomhlaba olunje kweli loMzantsi Afrika, ndiwuchophele ke lomba nesebe lwezemihlaba. Ibango ke eli alikho phantsi kwam kodwa ndinoloyiko nje lweqondo lwemveliso”, wongeze ngelitshoyo ejolise kumafama la asakhasayo ahluphekayo nabexhamla ngenxaso kaFick.

 “Ndifuna nje ukunceda abantu. Ingaba imizamo yethu ayibalelwa ntweni kuba sibamhlophe?” lowo ibingumbuzo kaFick. “Imvelaphi yoMzantsi Afrika iyakuhlala ihlupha ixesha elide elisezayo. Kodwa ukuzisebenzela kukwakhela isidima”, uhambise watsho uFick. “Ukuba unikwa nje izinto oko kukutsho ngeliphandle ukuba wena awukulungelanga ngokukuko ukuyisebenzela ngokokwakho.”

Kuba ke ifama le ibithengwe ngoJuly, ubenikwe de kube ngomhla wama 30 kuSeptemba ukuba aphume aphele kulomhlaba. Oku ke kukwabangwe yingozi yemoto nalapho usapho lwakhe belubandakanyeka ngoApril, nalapho unyana kaFick athe waphulukana nobomi bakhe. UFick yena ubesesibhedlele kangangenyanga ngenxa yomenzakalo. “Sisandula kumngcwaba ke apha eSalem, sihleli apha kangangeminyaka esixhenxe kungekho ngxaki” uhambisa atsho uFick.

UFick umkile ke ngoku kule fama ethabatha izixhobo zakhe. Ngoku uhlala kwindawo endala eyaziwa ngokuba yiKynoch warehouse nalapho asebenzisa imatshini yakhe. “Le ndawo ayikho nkulu kangangoko sinokunqwenela ukuba ibengako kwaye asisadingi bantu baninzi nto leyo ithetha ukuphulukana nomsebenzi kwabanye abantu.” Uthi oku kunzima kakhulu kuye kwaye akusiyomfuneko kuba uninzi kulendawo yaseSalem luzakubanelahleko enkulu. Sithetha nje uFick usacoca lendawo akuyo ukqalisa kwakho nomsebenzi wakhe.  

Comments are closed.