“Abantu baseExt 9 bakhalaza ngezindlu zabo” ifundeke njalo imbalelwano ethunyelelwe iGrocott’s Mail kwiveki ephelileyo nge sms ngumhlali obexhalabile yile meko.

“Abantu baseExt 9 bakhalaza ngezindlu zabo” ifundeke njalo imbalelwano ethunyelelwe iGrocott’s Mail kwiveki ephelileyo nge sms ngumhlali obexhalabile yile meko.

NgoJuly ka 2008 kwaqalwa iprojekthi nexhaswe ngezimali ngurhulumente neyayijongene nokukhangela ifumane ingxaki ezifana namathanda emadongeni kunye nokuvuza kwezindlu xa kunetha. 

Nangona kunjalo, emveni kokuba iqalile le projekthi, abahlali bavakalise izikhalazo zabo ngelithi abahloli zange balubeka unyawo lwabo kwezi zindlu ze Reconstruction Development Programme (RDP).

Umhlali ke waseExt 9 uXoliswa Mnyanda uthi abakwazi nokulala obuhlayo ebusuku kuba amanzi asuka angene nje kwezintanda zisemadongeni.

Abahlali bakhathazekile ukuba oku kungathetha ukuthini ngamakhaya abo ingakumbi ngoku kuphele nonyaka kungekho kwanto eyathi yenziwa oko yasungulwa leprojekthi.

Ibaqhekeza intloko abahlali lemeko

Ingxaki ezingamadonga aneentanda enza ukungakhululeki kakuhle ebantwini.

“Kufuneka zokhiwe ngokutsha ezi zindlu kuba zange zakhiwa ngendlela eyiyo kwangaphambili kwaye imvula ingena maxa onke xa kunetha njengakuleveki iphelileyo.”

Akakwazi ke nokuhamba ukuyakubika ngalomba kwabo basemagunyeni nakuceba wakhe kuba ukhubazekile kwaye kunzima ukuhamba.

uNolindile Lali, nokwangumhlali, yena ukhalaza ngelithi iifestile neengcayo zeyakhe indlu zishukuma maxa onke kukho umoya kwaye ziyahexa.

uGladys Abrahams nongumhlali wase Ext 9 uthi ingxaki ziya zisanda ngenxa yophahla lwakhe oluvuzayo.

uAbrahams, kanye njengalomhlali ubethumele umyalezo we sms, ukholelwa ekubeni ezingxaki zonke zisuka ekubeni ezi zindlu zingazanga zakhiwa kakuhle kwasekuqaleni. Uthi maxa onke kunetha kunga angathutha impahla yendlu yakhe ukuze inganethwa ngexa isendlini.

Comments are closed.