Isiphaza ngasinye sahlukile kwesinye ngenxa yokuba kwa abaninizo bohlukene. Lomahluko ke ubonakala kwizinto ezithengiswa kwezivenkile kunye nakumaxabiso wezo zinto zithengiswayo. Ezi zinto zimbini zenza umahluko omkhulu nanjengoko kukhuna ukhuphiswano kwaye umnini shishini ngamnye kufuneka abagcine bonwabile abathengi khon’ukuze akwazi ukuphila ngengeniso yabo.

Isiphaza ngasinye sahlukile kwesinye ngenxa yokuba kwa abaninizo bohlukene. Lomahluko ke ubonakala kwizinto ezithengiswa kwezivenkile kunye nakumaxabiso wezo zinto zithengiswayo. Ezi zinto zimbini zenza umahluko omkhulu nanjengoko kukhuna ukhuphiswano kwaye umnini shishini ngamnye kufuneka abagcine bonwabile abathengi khon’ukuze akwazi ukuphila ngengeniso yabo.

Ukubuyiswa kwemveliso kuhambe kakubi
Inye ke into ekungavanwa ngayo apha, ngamaxabiso izinto ezithengiswayo kunye nendlela abaphathwa ngayo abathengi xa bebuyisa imveliso ezithile.

uThemba Allen Ngcelwane nongusomashishini e Ext 5 uthi “kunqabile ukufumana abathengi bebuyisa imveliso ngenxa yokungoneliseki, kodwa xa kuthe kwakho isehlo esinjelo ndiye ndizamkele. Ndikwabakhuthaza kananjalo ke abathengi ukuba xa bethe aboneliseka yimveliso leyo mabayibuyise. Kum ke asiyolahleko leyo kuba nam ndithi ndiyibuyisele kwabo bangabagcini boovimba abakhulu.”

Omnye umncedisiuIshmael Jalasi uthi boona bayazithatha ezi mveliso xa zithe zabuyiswa ze bababuyisele nemali yabo abantu.

uNoludwe Mafani, nongumncedisi kwivenkile iNU eJoza uthi yena akazithathi imveliso ezithi zibuyiswe ezifana nokutya, ezo ke zezifana nesonka, imifuno, nenyama. Uthi ezi zizinto abantu abanokwenza izinto ezininzi ngazo phambi kokuba bazibuyise ze zingathengiseki kwakho. Uthi kwakho ukuba isiqulathi sibuye simdaka okanye sikrazuliwe akazithathi ezo mveliso kuba akukho mntu uyakuzithenga kwakho.

uBuyiselwa September nongumthengi yena uthi “xa ubuyisela izinto apho ubuzithenga khona awuphathwa kakuhle kwaye ukuyimosha yonke lento baphinde aba bantu balindele ukuba ubuye ubaxhase kwakho kwityeli elizayo.

uSiphokazi Yoli nongumhlali waseJoza uthi yena akaziqhelanisanga nokuthenga kwiziphaza ngoba imveliso ezifana nemifuno neziqhamo azisoloko zisexesheni elilungele ukuba zityiwe. “Izibindi zenkukhu abazithengisayo kunye namafutha abo madala kwaye anevumba elibi” wongeze watsho uYoli.

uNgcelwane yena ke kwelinye icala uthi “ndisoloko ndijonge iimfuno zabathengi ngentlonipho kuba ukuba ndiyabacaphukisa, izakubayilahleko kum ukuba ababuyi”.

Bonke osomashishini beziphaza ekhe sathetha nabo bathi baqinisekisa maxa onke ukuba isonka sifika mihla yonke kusasa ukusuka kubenzi baso ukuqinisekisa ukuba sikwisimo esilungileyo.

Isonka semihlangemihla sasesphaza sisoloko sisitsha
Bonke osomashishini beziphaza ekhe sathetha nabo bathi baqinisekisa maxa onke ukuba isonka sifika mihla yonke kusasa ukusuka kubenzi baso ukuqinisekisa ukuba sikwisimo esilungileyo.

uNgcelwane uthi “ngaphambili bendidla ngokunikela ngesonka esiseleyo kwisibhedlela iFort England kuba inkoskazi yam ingumongikazi khona. Kwezintsuku ndithenga isonka esaneleyo mihla le ukuze kungabikho zintsalela kodwa ukuba zikhona iilofu eziseleyo noba inye okanye zimbini ndiya ndizinike umntu lo undincedayo apha egadini”

uJalasi kwelinye icala uthi “ nam isonka ndisithenga mihla le kodwa ukuba sikhona esiseleyo abathengi ndiyabaxelela ukuba esi sesi besisele izolo. Futhi isonka sinexesha elibhaliweyo esiphelelwa ngayo kwaye ke oko kuyanceda nanjengoko isonka sithatha malunga nentsuku ezintathu ukuze siphelelwe.”

Abanye ke abathengi abonwabanga ngokufumaneka kweemveliso. UPule Kgoe, ongumthengi uthi iziphaza ezikhoyo zinemveliso ezinganelanga. Uthi kukhona ezinye ezinophawu lwerestyurent kodwa xa ungena ngaphakathi abanako kwakutya okuphekiweyo de wathenga I pinatsi kodwa ulambile.

“Thina sijolise ikakhulu ekwajeni inyama ngoko ke sithenga isonka ngoLwezihlanu kuphela nesithi siphele kwangempela veki, phakathi nje evekini asithengisi sonka. Xa besiza ke abathengi phakathi evekini bezokufuna isonka ndibakhomba apha ebumelwaneni kuba ndiyazi ukuba basithenga imihla ngemihla”, waleke ngelitshoyo.

UMasixole Ntshiba nongumncedisi kwiResturent iQete, uthi bona basebenza ngendlela eyahlukileyo bona xa ubathelekisa nezinye iziphaza.

Comments are closed.