NguChris Totobela
Bekugos’ okwaphukayo ngethuba iimbethi-manqindi eziselula zivan’ amandla kwitumente ebisingathwe ngumbutho wamanqindi kwisithili iSarah Baartman kwimpelaveki egqithileyo.
Abalandeli nabathandi bamanqindi nabebephume ngobuninzi babo bebechulumance beyilo nto njengoko amakhwenkwana neentwazana ebezijaca ebonakalisa italente nobuchule eqongeni.

Le tumente ibisetyenziselwa ukuchonga abazakumela isithili kwitumente yamaphondo yobuntshatsheli.
Oomaspala abebequbisene kule tumente ebibanjelwe eJoza Indoor Sports Centre bebequka oosotheko iMakana kwakunye neNdlambe, iBluecrane, iSunday’s River neKouga.

Ngokutsho kukasihlalo wombutho wamanqindi kwiSarah Baartman, uKhayalethu Richards, le tumente ihambe kakuhle ngaphandle kwamagingxigingxi.

“Bonke abantwana bakhwele eskalini bawenza umlinganiselo wobunzima obulindelekile, kwaye nemidlalo iqhube kakuhle.”
Kweza lapha eMakhanda iimbethi-manqindi, kukhethwe amantombaza amathandathu kwakunye namakhwenkwe alishumi eline sithandathu.
Zizonke iimbethi manqindi ezikhethwe kule tumente zingamashumi amane anesixhenxe, nabazakuthi bathwale amathemba eSarah Baartman kwimidlalo yobuntshatsheli yephondo.

