NguChris Totobela
Iqela lebhola ekhatywayo lalapha eMakhanda iJoza Stars nebelisandula ukubuya kwitumente yeSarah Baartman yabangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo, lijongene nenyewe engumnqantsa.
Eli qela beliyokumela iMakana kwitumente ebibanjelwe eAddo nalapho lidlale kakuhle lade lafikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi laqubisana neentshatsheli iMini Stars eziphuma kumasipala iNdlambe.
Kuye kwahlwa usaqhuba lo mdlalo, nto leyo ibangele ukuba umiswe. Ngethuba umiswa, iJoza Stars ibisilela ngamanqaku amabini eqandeni.
Ngokutsho kukaSiyabonga Zondani, ongusihlalo nomqeqeshi weli qela, baye bafumana ilizwi eliphuma kwabo basemagunyeni nebelisithi omabini lamaqela azakuhamba ayokumela iSarah Baartman kwitumente yabaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo, nexhaswa ngabakwaEngen.
Kodwa ngethuba lo kaZondani esiya kumsitho wokuthelekiswa kwamaqela kwisithuba esingaphezulu nje kweveki edlulileyo, uye wabuya ebambe ongezantsi.
Oku kusemva kokuba igama leqela lakhe lithe alabikho kulawo ebethelekiswa. Endaweni yoko, kuye kwavela iqela elo bebedlala nalo kumdlalo othe wamiswa ngenxa yobumnyama.
Imothuse kakhulu le nyewe uZondani. “Akubangalula ukuzetyisa ezi ndaba, kodwa ke ndiye ndazama ukunxulumana namagosa asiphetheyo kule ngingqi yethu yeSarah Baartman, naye andichazela ukuba umdlalo wethu neMini Stars uzakuphindwa, ze ophumeleleyo amele ingingqi yethu.”
Uthe kuzakufuneka kufakwe igama lelo qela liphumeleleyo ngeCawe le esisuka kuyo, kodwa ke nanjengoko ungakhange uqhube lo mdlalo akucaci ukuba kuzakuphelwa kusenziwa njani.
“Ndiye ndaziphalaza kubadlali bethu ezi ndaba nangona kungakhange kube lula,” utshilo uZondani.
Le nyewe ishiye eli qela kwelinomhlwa, kodwa ke linethemba lokuba izakusonjululwa phambi kokuba itumente yephondo iqhube.
UBongani Jibiliza ongunobhala weSouth African Football Association (Safa) kwiSarah Baartman, uphefumle wenjenje: “Sithe makufakwe igama elithi Sarah Baartman njengoko kuthwa ngoku kufunwa iqela elinye, nangona bekuthethwe ngamaqela amabini. Ingxaki ivele ngenxa yokubuya kweHighbury nebingekho iminyaka le. Lilonke kufunwa iqela elinye kuphela, safaka iSarah Baartman.”
Ziliqela izinto ezinokuthi ziqwalaselwe kule meko yeJoza Stars ezifana nokuba bekushiyeke ixesha elingakanani phambi kokuba umiswe umdlalo. Eyesibini into yeyokuba umdlalo uphindwe, kwaye kudlalwe kuphela lo mizuzwana bisele ishiyekile nangona izakuba ziindleko kumaqela omabini ezo.
Elokuqukumbela, uZondani uthe bazakuzama ukulungiselela uhambo nangona bengazi ukuba bazakuya phi na, kwaye babila besoma bezama ukulungiselela imidlalo yeMakana LFA.

