Ubuhlanti: The Solution Oriented Platform Experience, Ingxoxo
Indawo: The Black Power Station
Uhlolo lomboniso
NguNtombekhaya Busuku
I-Black Power Station ibisingathe imisitho yeNational Art Festival izolo, phakathi kwawo ingobizwa ngoBuhlanti.
Le ibiyingxoxo ebizinyaswe ngempumelelo luluntu lwaseMakhanda kunye nabantu ebebesuka kwiimvaba ngeemvaba zeli phondo leMpuma Koloni esingabalula kuzo iLovedale.
Eyonanto ibitsala umdla kakhulu ngale ndibano kukuba ibizinyaswe ngabantu abadala kwakunye nolutsha, kwaye abantu bebengahlelanga nje ebuhlanti, koko beberhabulisana ngebhekile yomqombothi. Uluntu obelusingathe le ndibano belumbenje-mbenje sisinxibo sakwantu, imibhaco ngeliphandle.

Le ndibano ibinesithethi esiyintloko esaziwa ngokuba nguGqirha Loyiso Nqevu nodume kakhulu ngokufundisa uluntu ngokubaluleka kokugcina amasiko, izithethe kwakunye neelwimi zakwantu.
Le nginginya ibifundisana ngokubaluleka kobuhlanti ekhayeni. Lo kaNqevu uyibeke yacaca into yokuba ubuhlanti yindawo ebaluleke kakhulu kwinkqubo nakwintlalo kantu kuba kulapho kunqulwa khona. Uphinde watsho ukuba ukuze kube kanti ikhaya liphelele kufuneka kubekho inkundla engumninawa wobuhlanti apho imicimbi yekhaya engadingi buhlanti ithi yenzelwe khona.
Ucacise wathi yonke into umntu afuna ukuyazi ngomntu ontsundu isebuhlanti kuba ubuhlanti budlala indima yebhanki emzini. Uthe ubutyebi bomzi bufumaneka ebuhlanti kwaye neengxaki zomzi zixoxelwa kubo kuba kaloku ubuhlanti buyinkundla yomgaqo-siseko yakwantu kuba kulapho imithetho nezibhambathiso zomzi zenzelwa khona.
Uphinde wathi umgquba osebuhlanti nguvimba womzi kuba bumumathe zonke izinto ezithi zenzelwe ebuhlanti likhaya. Esenza umzekelo, uNqevu uthe ngumgquba oxelayo ukuba kukangakanani kuxhelwa kulo mzi, kulungiswa lo nto ilungiswayo. Ngelipheleleyo umgquba umumathe amagazi emvuyo.
Uphinde wacacisela le nginginya ibizimase le ngxoxo ngokubaluleka kwakunye nemisebenzi yexhanti kunye negoqo. Ixhanti negoqo zidlala indima enkulu kakhulu xa kuthe abantu bomntu omnye bathe barhalelana, oyindoda uye athathwe ngutatomkhulu, oyintombi usiwa ngasegoqweni apho babuzwayo ukuba kwenzeke ntoni. Emva koko, bathathwe bobabini baye ebuhlanti benganxibanga betsalana ngombengo ngaseziko de kube kanti uyaqhawuka nto leyo ethi eli nyala liphelile.
Lombho nomxesibe uphinde wacaciselwa ngobudlelwane phakathi kobuhlanti kunye nenkaba yomntwana. Xa ithe yawa inkaba yomntwana ngosuku lwesibhozo, ingcwatyelwa ebuhlanti, kwaye umntwana xa iwile inkaba yakhe kufuneka ebikwe exhantini futhi yinkaba embangayo ngokwekhaya. Uphinde wathi la maxhanti afumaneka elokishini ngosingaxhanti ngenxa yeemeko ke esikuzo singumzontsundu. Onke amasiko enzelwa umntwana, njengokuchazwa kobuso, kufuneka kuxelwe exhantini. Ubuhlanti yindawo yezisombululo, umzekelo xa umzali encama umntwana ongevayo lo nto yenzelwa ebuhlanti. Nentombi engendiyo ihlanjelwa ebuhlanti ukuze ifumane umendo.

Igoqo lona libaluleke ngokuba linamalungelo namandla oomama, kulapho oomama bahleba khona. Umzekelo xa kukho ukoti ongazaliyo oomama baye bamse ngasegoqweni bafune ukuqonda undonakele. Kulapho ke baye bamnike namaqhinga anokuthi awasebenzise ukuze azale engekathukwa ngamadodakazi.
UNqevu uphinde wacacisa ngendima edlalwa yinkulu kwakunye nomafungwashe ekhayeni, kwaye uyibeke yacaca into yokuba inkulu ibanye ekhayeni iphuma kwindlu enkulu, kwaye umafungwashe ngeke abe yiyo intlabi yasekhayeni. Indima kamafungwashwe kukucebisa nokuphikisa xa amadoda ekhaya ephuma ecaleni kwaye kukuthiya nokuyala oomakoti abafikayo ekhaya. Lilonke ubuhlanti buphethe impilo yekhaya, yiyo lo nto umntu ongahlambululekanga kungafuneki abe yintlabi.