NguChris Totobela
Icandelo lamapolisa okhuseleko loluntu kwisikhululo saseJoza sizobe sisingathe umnyhadala iJjoza Youth Cup noquka iitumente ezintathu ukubhiyozela umhla wolutsha.
Ngokutsho kukasomlomo walo mnyhadala uKapteni Khaya Tonjeni, lo mcimbi uzakuquka ibhola ekhatywayo, eyomnyazi kwakunye nomdlalo wamanqindi nozakubandakanya namagqiyazana.
Lo kaTonjeni uqhube wathi ngeCawe le izayo ngentsimni yesibhozo kusasa pha eIndoor Sports Centre kuzakube kuvulwa lo mnyadala ngemithambo, ze kulandele umboniso wabadlali bekarate phambi kokuba kuyiwe kwibala iLubumbashi kwilokishi yaseThembeni apho kuyakudlalelwa khona ibhola ekhatywayo neyomnyazi.
Uqukumbele wenjenje uTonjeni: “Siqondile singamapolisa alapha eMakhanda ukuba siguqule indlela esilwa ngayo ulwaphulo mthetho, nanjengoko besifudula sibamba abasolwa sibavalele kube kanti kuphelele apho. Ngoku sithi makhe sisebenzise imidlalo ukulwa ulwaphulo mthetho.”
Uye wabongoza abantu ukuba baphume ngobuninzi baye kuxhasa abantwana babo, kwaye uthe bangabi naxhala nanjengoko ukhuseleko luzakuube luluqilima.
Abaphumeleleyo kwezi tumente bayakugoduka bencume oluka blanket nanjengoko kukho izipho eziquka iimpahla nezixhobo zokudlala.
Lo ka Tonjeni uphinde wabhekisa ilizwi lombulelo. “Mandithathe elithuba ndibulele bonke abaxhasi nabantu abaye baphosa esivivaneni, ingakumbi la ofisi kaMnumzana uMncedisi Boma eye yabinza ngempahla nezixhobo zokudlala.”
Ngokutsho kwamaxhwele emozulu lizakube lizole nasebukhweni bezinja, ntoleyo izakubangela ukuba ibengumbho nomxesibe kwela bala lase Thembeni.