NguBusuku Ntombekhaya
Ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga kaCanzibe isebe lokhuseleko lwabantwana, iChild Welfare, kunye nabantwana besikolo, bebebambe umgushuzo wokuxhasa nokubhiyozela iveki yokhuseleko lwabantwana (Child Protection Week), eSoccer City apha eMakhanda.
KuMzantsi Afrika uphela, umhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga kaCanzibe ukuya kuthi ga ngowokuqala kweyeSilimela, zibekelwa bucala njengeentsuku zokuzama ukukhusela abantwana nokuxhobisa uluntu ngezinto abanokuthi bazenze ukuqinisekisa ukuba abantwana bahleli bekhuselekile.
“Sifuna ke namhlanje ukuthetha ngokuhlukunyezwa kwabantwana kunye nempatho-gadalala yabantwana, kwaye sifuna ukunicaphulela ulwazi namava esinawo njengoko sisebenza nabantwana. Enye yezinto ezibangela ukuba sibelapha ziimeko esihlangabezana nazo ezibambisa ongezantsi kuthi singonontlalontle,” uphefumle watsho uXola Joni.
Uqukumbele ngelithi beleli sebe lezokhuseleko lwabantwana bafuna ukukhuthaza intsebenziswano phakathi kwabo, ootitshala, abongikazi, abakwantsasana naye wonke umntu osebenza nabantwana, ingakumbi abazali, ukuqinisekisa ukuba abantwana bakhuselekile ngalo lonke ixesha.

Umfanekiso: Chalotte Mokonyane
“Ekuhambeni kwexesha urhulumente waye wangenelela kweli phulo lokhuselo lwabantwana, kwaye ekungeneleleni kwakhe waye wagunyazisa ukuba kubekho incwadi eyilelwe ukujongana neemfuno zabantwana ekuthiwa yi-Chidren’s Act. Le ncwadi singonontlalontle yiyo esiyilandelayo xa siqubisana neemeko zabantwana,” utshilo uSaliswa Damana.
Umsebenzi weChild Welfare
UDamana uyibeke yacaca into yokuba beleli sebe iChild Welfare abawaququzeleli kuphela ngenyanga yokhuseleko lwabantwana amalungelo abo, koko yinto abayenza lonke ixesha lonyaka. Uphinde wathi: “Umntwana ngamnye unelungelo lokuziva ekhuselekile, kwaye unalo nelungelo lokuba afunde.”
uDamana umemelele wonke ubani ukuba xa ebona umntwana ongaphathekanga kakuhle athathe inkxaxheba yokuya kuxelela iChild Welfare okanye amapolisa, wona azakutyikitya uxwebhu nelaziwa ngokuba nguForm 24, xwebhu olo lithi ligqithiselwe koonontlalontle, bona bathi bancede umntwana lowo.
uAvuyile Bika noye wafundisa abantwana ngokuhlukunyezwa, uthe,“Ukuba kukho umntu okubamba kwiindawo ozifihlayo xa unxibile, mxele, ngoba kaloku ngumzimba wakho lo, kwaye unelungelo lokuthi hayi.”
Uphinde wakhuthaza abafundi abebekhona kulo mgushuzo ukuba bayeke ukuxhaphazana, waxelela uluntu ukuba bona bengu Child Wellfare basebenza ngabantwana abaneminyaka elishumi nangaphantsi, kwaye babanceda simahla.

Lo mgushuzo ubuzinyaswe ngempumelelo ngamasebe amaninzi asebenza nezokhuseleko lwabantwana kwakunye noluntu, esingabalula kuwo isebe iAssumption Development Centre (ADC), iFamilies South Africa (Famsa) kwakunye neSouth African Police Service (Saps).
Amanye amaziko anceda ukukhusela abantwana
Izikolo ebeziyinxalenye yalo mngcelele singabalula kuzo iSamuel Ntsiko Primary kunye neFikizolo Primary.
Ukanti obethethela iADC, uPrincess Makhatha Adam, uthe, “Xa ungumtwana ongaphathekanga kakuhle ekhayeni okanye esikolweni uyakwazi ukuxelela umzali okanye utitshala ukuba makakuse eADC. Pha uzakufika ufumane ukwelulekwa ngokwengqondo yiPsychologist yamahala.”
Ukanti obethethela uFamsa, uNozuko Bolo, uthe, “thina kweli ziko sinceda abantu abaneminyaka eyi18 ukunyuka kwaye siyakukhuthaza ukuba abazali bathethe nabantwana babo khona ukuze bazazi izinto abahlangabezana nazo.”
UConstable Mziyanda Maqhubela uxelele abantwana abebekhona kulo mgushuzo ukuba bona beyinkonzo yesipolisa bayabaqinisekisa ukuba xa abantwana abo bexela emapoliseni abantu ababahlukumezayo, bakhuselekile. Ukanti ukwaxelele abantwana ukuba bayeke ukuxhaphazana kuba lo nto ingabenza bazibone beseluvalelweni.