NguChris Totobela
Bekuxhelw’ exhukwane kubathandi nabalandeli bebhola ekhatywayo eMakhanda kwimpelaveki ephelileyo.
Imidlalo yabo baneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo iye yaqukunjelwa ngeCawe.
IJoza Stars ingquzulene neSophia Stars kumdlalo wamagqibela-kankqoyi nalapho ophumeleleyo ebezakufumana iwonga lokuthweswa njengeentshatsheli.
ISophia Stars nebifudula izityela itheko kwesi sigaba kule minyaka imbalwa idlulileyo, iye kulo mdlalo njengeentandane nebekulindeleke ukuba ziphumelele, kodwa ke iye yashiyeka ibambe ongezantsi ngethuba iJoza Stars, nethande ukuza kakubi mvanje, iye yabenzela inkawu ngenja.
ISophia Stars idibene neembila zithutha nanjengoko iye yabethwa ngamanqaku amabini eqandeni.
IJoza Stars iye yawongwa njengeentshatsheli, nto leyo ibangele ukuba bafumane ithuba lokumela iMakana kukhuphiswano oluzakubandakanya amanye amaqela aziintshatsheli aphuma kule ngingqi iSarah Baartman nalapho ophumeleleyo uyakuzuza ithuba lokumela le ngingqi kukhuphiswano lwephondo oluxhaswa ngabakwa Engen nelibizwa ngokuba yiEngen U19 Knockout.
Olu khuphiswano ludume ngokunika abadlali abaselula ithuba lokubonwa ngabachongi abaphuma kumaqela amakhulu nadlala kudidi lwabo bahlawulwayo.
Umphathi nokwangumqeqeshi weJoza Stars, uSiyabonga Zondani, uthethe wenjenje: “Sichulumancile kakhulu yile mpumelelo kwaye le into ziziqhamo zomsebenzi esiwenzayo xa silolonga lamakhwenkwe. Sizakuthatha umdlalo ngamnye ngexesha de sibone ukuba le ndlela yethu izakusithatha isibeke phi.”