NguBusuku Ntombekhaya
Ngomhla wesihlanu kwinyanga kaCanzibe, uVuyo Madinda uvele phambi kwenkundla kamantyi ukuza kwenza isicelo sebheyile esisemthethweni.
“Inkundla iyasivuma isicelo sakho sebheyile namhlanje kuba azikho izizathu ezibambekayo ezenza ukuba inkundla ingasivumi esi sicelo,” utshilo umantyi uSarel Strauss.
Ummeli kaMadinda, uViwe Mqeke, uye wacela inkundla ukuba lo mfo akhululwe ngebheyile yeR1 500, kodwa inkundla iye yasikhaba esi sicelo yayonyusa imali yebheyile yayokutsho kwimali engange R2 000. “Inkundla xa ijonge ubuzaza betyala lakho ayonelisekanga sisicelo sakho sokubhatala imali yebheyile engange R1 500, inkundla ithathe isigqibo soba ikunike ibheyile engange R2 000,” wongeze watsho uStrauss.
Lo kaMadinda udandalazise izizathu eziliqela kwingxelo efungelweyo ukubonakalisela inkundla ukuba kutheni efanele ukuba imkhulule ngesicelo sebheyile.
“Ndingumqeshwa kwamasipala iMakana, ndinoloyiko ukuba andiyinikwa le bheyile ndingaphulukana nomsebenzi wam. Kwaye ndinabantwana ababini abancinci abaxhomekeke kum ngokwezezimali, nosapho lwam ekhaya luxhomekeke kum ukuze lutye uba ndiyaqhubeka ndihlale esiseleni andizowufumana umrholo wam nto leyo engachaphazela usapho lwam kakubi,” utshilo uMadinda.
Xa ebebuzwa yinkundla malunga namatyala akhe angaphambili, uMadinda uye wavuma phambi kwenkundla ukuba unalo elinye ityala lokubulala ajongene nalo eliphantsi kwe-Regional Court ukanti nakulo elo tyala waye wakhululwa ngebheyile.
“Ewe ndinalo ityala elokubulala endisezakulixoxa elikwi-Regional Court, kwaye ndaye ndaphuma ngebheyile kulo,” utsho exelela inkundla uMadinda.
Ukanti abatshutshisi bombuso bebechasene nokuba uMadinda ayinikwe ibheyile.
“Umtyholwa ngumntu onobudlobongela, kwaye umbuso unetyala eliqinileyo namangqina ombuso uyawazi, nto leyo eyenza ubomi babo bubesesichengeni. Kwaye nomphakathi usothukile sisehlo esifana nesi, umtyholwa usenalo ityala ajongene nalo lokubulala elizovela kwi-Reginal Court. Izizathu zam zoba ndingafuni aphume ngebheyile yinto yokokuba lo mfo angaphuma aphinde ayofaka uluntu ebungozini,” utshilo uSimnikiwe Ngxito, umtshutshisi wombuso.
Zife namthanyana iinzame zabatshutshisi zokugcina lo mtyholwa eluvalelweni kuba inkundla iye yathatha isigqibo soba imnike ibheyile uMadinda, phantsi kwezizathu zokuba inkundla ingaboni zizathu zivakalayo nezibambekayo zokumgcina lo mfo esiseleni.
Bekuxhelwe’exhukwane kuyimivuyo kumalungu e-Neighbourhood Watch ebeye kuxhasa uMadinda “Ndiziva ndixolile kakhulu nangona nje nabafelwa bebuhlungu, kodwa nakubo siyazama ukuthi ngxe nangona nje le nto yenzeke singayicinganga. Sixolile, sivuyile, sivuya sisazi ukuba akhonto iyakuphinda yenzeke malunga noVuyo kuba sizakumjonga okokuba angaphindi njengoba nangoku ebephuncuke ezandleni sizama umjonga,” uphefumle watsho uMelvin Diko.
Uhlabele mgama wathi, “Ndifuna ukuyibeka icace into yokuba bubuxoki into yokuba siyamkhusela uVuyo sileli qela, le nto ndiyithethiswa kukuba kuFacebook kwade kwathiwa mandiphendule ndiphendule into endingayaziyo nendingayibonanga. Le nto mna ndiyive ngamapolisa emva kokuba enditsalele umnxeba endixelela ukuba uVuyo wenze le nto, siye saya kuVuyo ngentsimbi yesibini kodwa zange sikwazi ukumbona kuba kwathiwa uzintyintye ngeselwa lomdiza de watipha. Lilonke asimkhuseli uVuyo,”