NguBusuku Ntombekhaya
Kulindeleke ukuba avele enkundleni kamantyi ngomhla wesihlanu kwinyanga kaCanzibe, uVuyo Madinda, ojongene nezityholo zokubulala ngokungenalusini uMncedisi Qenge nodume ngelika “Situation.” Kurhanelwa ngelithi ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga kaTshazimpuzi, uMadinda wahlaba uQenge yophukela kuye imela. “Umrhanelwa okwangumntu owaziwayo ekuhlaleni, akazange amgwaze kuphela, kodwa emva kokuba imela yaphukile, waya kulanda enye, wabuya waza waqhubeka ukumhlasela,” ngokwencwadi yesicelo yabahlali.
“Isicelo sebheyile esisemthethweni sihlehliselwe umhla we-5 kuCanzibe 2025. Ngelishwa, asikwazanga ukuqhubeka nayo ngenxa yokunqongophala koomantyi ukwenza ibheyile ekhankanyiweyo kwaye inkundla idityanisiwe,” utshilo uViwe Mqeke, ongummeli kaMadinda. Ngokwengxelo yesithethi seNational Prosecuting Authority (NPA) eMpuma-Koloni, uLuxolo Tyali, isicelo sebheyile siya kuxoxwa ngoMvulo umhla wesihlanu kwinyanga kaCanzibe.