NguChris Totobela
Itumente yamanqindi ebijongwe ngamehlo abomvu eMakhanda ayiqhubekekanga kwimpelaveki edlullileyo, bashiyeka benxubile abalandeli nabathandi balo mdlalo.
Le tumente, nebiququzelelwa yiMakabo engumbutho owongamele amanqindi apha eMakana, futhi iquka amaqela alapha ekhaya odwa, ibicwangciselwe uMgqibelo ogqithileyo eIndoor Sports Centre eJoza.

Abadlali baye bakhwela esikalini kwaye bathelekiswa, emva koko banikwa nethuba lokufumana okuya ngasethunjeni phambi kokuba bakhwele eqongeni baqubisane.
Kuthe kusenjalo bafumana umpoposho othi ayisayi kuqhuba le midlalo, bashiyeka bekhwankqiseke ngeyona ndlela.
Umongameli weMakabo, uNtsikelelo Maholo, ucacise wenjenje: “Amaqela ebesiwalindele apha mathandathu, kodwa kufike amane kuphela. Sithe sisajongile safumana umyalezo wokurhoxa kwamaqela amabini, nto leyo esishiye sinamaqela amabini kuphela. Isizathu sokurhoxa kwalamaqela asisazi.”
Utyhole amanye amaqela alapha eMakhanda ngokuthi gqolo ekhupha imali yobulungu beMakabo kodwa oyiswe kukuzisa iimbethi-manqindi zawo kwiitumente ezibanjwa nyanga nanyanga.
UMaholo uthe le meko ikhokelela ekubeni kurhaneleke ukuba la maqela ayekayo ukudlala, kodwa wathembisa ukuba uzakuzipha ithuba awatyelele azibonele ngokwakhe ukuba ingaba asaphila na okanye afa kudala.
Ongumongameli weSababo nozinze apha eMakhanda, uKhayalethu Richards, walile ukuphawula ngale nyewe nanjengoko ekholelwa ukuba le tumente ibiphantsi kolawulo lweMakabo.
Kusenjalo, kulo uMgqibelo siya kuwo, iimbethi-manqindi zizakufumana ithuba lokuthabatha inxaxheba kwitumente yokukhiqana nalapho ziyakulwela ukuzibekela indawo kwiqela elizakuthi limele iMakana kwitumente ezayo yengingqi iSarah Baartman.
Nayo iyakubanjelwa eJoza Indoor Sports Centre.