NguNtombekhaya Busuku noAndisiwe Plaatjie
Abahlali baseMakhanda neentsapho zikaNtombizanele “Nopopi” Katiya othe wabulawa eMakhanda noMbalentle Goba oneminyaka emithathu nothe wadlwengulwa waze wabulawa eQhorha, bafuna umthetho udlale indima yawo babanjwe abenzi bubi futhi sijulwe kude isitixo.
Bephume ngobuninzi babo abahlali, phakathi kwabo kukho iintsapho zamaxhoba, abefundisi kunye namatshantliziyo alwela amalungelo abantwana namanina, benze umngcelele oya kwii ofisi zikamaspala iMakana apha eMakhanda nalapho bagqithise khona izinyanzeliso zabo. Batsho ngazwi linye ukuba abahambisani kwaphela nokuxhatshazwa kwabantwana namanina.
Lo mbho nomxesibe uyibeke yacaca into yokuba ufuna ingalo yomthetho ilithathele ingqalelo ityala lokubulawa kukaKatiya oneminyaka engamashumi amane ananye, nelentombazanana enguGoba.
Kulo mgushuzo kuye kwakhankanywa ukuba abahlali bafuna livulwe kwakhona ityala likaGoba nowathi wavingcelwa kwikhaya lakhe, wadlwengulwa waze wabulawa. “Umntwana wam waye wadlwengulwa, [kodwa]bonke abantu ababerhanelwa bafunyaniswa bengenatyala. Kunamhlanje nje andikazi ukuba umntwanam wam wadlwengulwa ngubani de labe liyachithwa ityala,” utshilo uVuyokazi Goba, umama womntwana.
Zozibini ezi zehlo zishiye abahlali baseMakhanda naseQhorha bebambe ongezantsi.

Amapolisa axelele iGrocott’s Mail ukuba ityala lokubulawa kukaKatiya luphantsi kophando kodwa akukabanjwa mntu. Ngokwengxelo yamapolisa uKatiya wahlaselwa ngamandla ngabantu abangaziwayo ngomhla we29 kuMatshi waze wayoswelekela esibhedlele iSettlers nalapho wayesiwe khona liqabane lakhe.
Usapho lukaKatiya lusakhwankqisekile kukulishiya kwakhe eli ngendlela engaqondakaliyo. Udadobawo wakhe, uLulama Mvula, ukhumbule mhla befumana umnxeba ovela esibhedlele becelwa ukuba bakhawuleze bafike, kanti bazakwaziswa ngokusweleka komntwana wabo.
Eyonanto eyakhwankqisa olu sapho kukuba isinqandamathe sikaKatiya asizange siluxelele usapho ngemeko yakhe sakuba simbalekisele esibhedlele. “Emva kokuxelelwa ukuba uNopopi akasekho emhlabeni kwaye ebegqityelwe ukubonwa ekunye [neqabane lakhe], ndisiva ngoThuthula, ndazixelela ukuba mandifowunele [iqabane]ndithi kuye sikhangela uNopopi,” utshilo uMvula.
Uqhube wathi yamothusa into yokuba lo mfo athi uyeza, kodwa angafiki nangona wayesazi ukuba uhlala phi na. UMvula uqhube wathi yena nobhuti wakhe bawenza amatiletile okuzama ukuva icala leqabane eli, befuna ukuqonda ukuba kwenzeke ntoni emntwaneni wabo. Kodwa bathi xa bemfowunela bamfumana unomyayi wakhe uvaliwe.
Amalungu osapho aye athatha isigqibo sokuya emapoliseni ukuyokuvula ityala, kodwa nalapho abuya ze, njengoko baxelelwa ukuba abakwazi ukuvula elabo ityala, njengoko likhona esele liphandwa, nanjengoko lalisezandleni zikagqirha ngenxa yokuba linento yokwenza nokubetha nokonzakala.

UMvula uthe belusapho basalinde umlingane kaKatiya abaxelele ukuba kwenzeke ntoni emntwaneni wabo. Uthe bebengaphathekanga kakuhle yimeko yomntwana wabo nanjengoko ebehleli elixhoba lokuxhatshazwa. UMvula umchaze uKatiya njengomntu obebathanda abantu kwaye engumntu ebefikeleleka eluntwini.
UAnelisa Bentele nolwela amalungelo abantwana namanina ukhuthaze amaxhoba nabebekhona kumgushuzo ukuba baziveze elubala iimeko zokuxhatshazwa kwaye bafune uncedo. UBentele uthe beyimibutho basekuqhubeka behamba kwiinkundla zamatyala kwaye wazise nange petition nalapho abantu abayi500 bathe bayayixhasa kwaye umenzi makabanjwe.

ULuvuyo Sizani weDemocratic Alliance ukhalimele amadoda kulo mngcelele. “Singamadoda yonke le nto iqala kuthi, njengoba singamadoda kumele ukuba sibe kanti abantu abangomama nabantwana bethu siyabakhusela. Kumele ukuba sibe ngabantu ababakhuselayo singababeki esichengeni sohlukunyezwa.”
UPhumla Mpehlo osuka kumbutho Makana Zwelonke Women’s Manyano uthe zibahluphile kakhulu ezi zehlo bengoomama baseMakhanda. “Sizokhala nani ke namhlanje lusapho naye wonke umntwana obhinqileyo sisithi kuni basekhona oomama abafana nathi, xa ungakwazi uthetha khangela umama pha kwaZwelonke akazoyigqithisa imeko yakho, kodwa uzakunceda.”

Umfanekiso: Charlotte Mokonyane
UNosiphiwo Mani nobengummelwane kaKatiya ukhuthaze ukuthembana kumanina ukuze umntu nomntu akwazi ukuphalaza ingxaki yakhe komnye, ukuze kuncedwane.
Utata uMxolisi Ntshiba osuka kwiConcerned Makhanda Residents uthethe wenjenje, “Asizolala ngenxeba ngokubulawa kukaNopopi noMbali nazo zonke ezinye izehlo zokubulala ezenzeka apha eMakhanda asizolala ngenxeba. UNopopi indlela abulewe ngayo noMbali ubugqina bukhona. Bobuphi obu bungqina bufunekayo kanye kanye? Obu bugqina bufunekayo khona ukuze aba babulali batshutshiseke bobuphi? Imihla ngemihla sithetha into enye ukuba umthetho uyasohlula.”
Uqhubile uNtshiba: “Le ntwana ihla isenyuka pha estratweni iqhuba imoto ingena iphuma kwiivekile kwaye wonke umntu uyayazi ukuba nguye lo ubulele uNopopi, kodwa amapolisa awambambanga. Kwanele! Siyayibona nale imibutho ingaziyo kwizinto ezinje kodwa xa kuvotwa bazakungena ezidlwini zethu.”
UMzamo Booysen osuka kumbutho iEconomic Freedom Fighters (EFF) uthe udane kakhulu yindlela eziqhuba ngayo ezotshutshiso. BeyiEFF bathuthuzele usapho lwakwaKatiya, besithi bazakuqinisekisa ukuba umenzi wobubi uya entolongweni. “Asizukonwaba kwaye umbulali angafumani nethuba lokhuphuma entolongweni.”