NguChris Totobela
Baphinde bakhala esimantshiyane abathandi nabalandeli bebhola ekhatywayo eMakhanda.
Oku kwenzeka emva kokuba kungakhange kubekho nanye itumente yoompondo zihlanjiwe kwimpelaveki esisuka kuyo yePasika.
Le yinto ebifudula isenzeka minyaka le apha eMakhanda nalapho amabala alapha emidlalo ebekhala ibhungane ngale mpelaveki de kwakulo uphelileyo unyaka nalapho kuye kwadlalwa itumente yeSuperbowl.
Ayikwazanga ukuphinda iqhube le tumente kulo unyaka nanjengoko abaququzeleli bayo bekhethe ukudlalisa abo bangaphantsi kweminyaka elineshumi elinesihlanu, ntoleyo ebangele ukuba amaqela amaninzi alapha eMakhanda angafumani thuba lokudlala.
Abalandeli abaninzi abaye bazityanda igila kweli phephandaba bavakalise ukudana, kwaye bahlabe ikhwelo kubathandi bebhola baseMakhanda ukuba bahlangane bazame ukuhlangula le meko.
Unobhala weMakana LFA uAkhona Heshu uthe bazakuzama ukuyisombulula le nyewe, baqinisekise ukuba ayiphindi yenzeke le nto. “Ndiyavuma nam ukuba ziintloni ezi, ingakumbi xa ujonga ubukhulu bendawo yethu kodwa sogqithwa ziindawo ezincinci ezifana neGlenmore, Bhatisi, eCawa, eQhorha naseMnyameni. Sizakuzama siqinisekise ukuba kulo uzayo unyaka ayenzeki le into.”
Abalandeli baphele bezixolisa ngemidlalo yabo bangaphantsi kweshumi elinesibhozo nebiqhuba kwibala iJD Dlepu.
Ibinikisa umdla kakhulu le midlalo, kodwa ke eyona midlalo etsale umdla wabantu ngumdlalo weJoza Callies ebuye sele isilela ngamanqaku amabini kwi Joza Stars yalinganisa waze waphela umdlalo bebambene ngamanqaku amabini macala.
Komnye umdlalo obunzima, iRising Stars kunyanzeleke ukuba idlale ngabadlali abalithoba emva kokuba abanye abadlali bayo bengakwazanga ukukhupha amaxwebhu okanye amakhadi abonakalisa ukuba bakulungele ukudlala kweli nqanaba.
IJacaranda Aces ifake amanqaku amabini yaze yadlala ngamathuba amaninzi ewafumeneyo. IRising Stars emva kokunyamezela ithuba elide iphantsi koxinzelelo iye yabuya yaphindisa ngawayo amanqaku amabini waze waphela umdlalo bentanganye ngamanqaku amabini macala.