NguNtombekhaya Busuku
Iqumrhu elisakhasayo elaziwa ngokuba yiTshintsha beliphehlelela ngokusesikweni inkqubo yalo eyaziwa ngokuba yi-Poetic Tuesday ngolwimi lwasemzini kwithala leencwadi iDuna eJoza kule veki sikuyo.
Ipoetic Tuesday akuyonto entsha kumhlaba waseJoza. Le nkqubo yayisungulwe kwiminyaka engamashumi amabini adlulayo. Kodwa njengayo yonke imibutho engekho phantsi kukarhulumente, lo mbutho waye wahlangabezana nemicelimngeni esingabalula kuyo ukuthwaxwa kanobomi ngubhubhane iCovid-19, nto leyo eyakhokelela ekubeni lo mbutho uvale iintlangano zawo zangolweezibini ukuhlonipha imiqathango yalo bhubhane, nto leyo eyenza ukuba lo mbutho ufe.
“Le nkqubo yePoetic Tuesday akuyonto ifikayo, yayifudula ikhona kwiminyaka engamashumi amabini adlulayo, kodwa ke ngenxa yeemeko ezininzi kwaye kwanyanzeleka ukuba iyeke ukuqhuba. Enye yezimeko ndingabalula kuzo ukungabinamava kuthi bantu bayikhokeleyo kwakunye nokufika kweCovid-19, kodwa ke ngoku sele sinamava athe xhaxhe siqonde ukuba siyivuselele le nkqubo,” uphefumle watsho uAndile Nayika.
Lo kaNayika utyatyadule wathi ukubuyisa uncuthu lwemibongo eJoza, bathathe isigqibo sokuba bawuyile ngokutsha lo mbutho kwaye batshintshe nendlela owawufudula usenza ngayo, yiyo lo nto lo mbutho usekelwe phantsi kweUmbrella ngabula-makhumtsha neyaziwa ngokuba yiTshintsha. Uphinde waxelela unondaba waseGrocott’s mail ukuba le Tshintsha ayizikujolisa ekufundweni kwemibongo kuphela, injongo yalo mbutho mtsha kukukhuthaza ukufunda nokubhala chubekileyo ekuhlaleni.

Umfanekiso: Dideka Njemla
Olu phehlelelo beluzinyaswe ngempumelelo ziindidi ngeendidi zeembongi. Ezi mbongi bezisina zidelelana ukungcamlisa uluntu obeluzimase lo msitho kweminye yemibongo yeziimbongi eliqela. Kwimibongo ibibongwa singabalula umbongo Bungoma ubusenziwa yinkosi yamaNgqosini uNkosi uBabize, umbongo bupolitiko nobusenziwa yenye yeembongi ezishicilelweyo uDudu Saki. Okokugqibela bekukho umbongo ongangumdlalo weqonga nobuphuma kwenye yeembongi zaseJoza eyaziwa ngokuba nguSivuyile Funze.
Umbongo bumdlalo buqonga kaFunze ngomnye wemibongo othe waphuma phambili ngobuncwane bawo. Lo mbongo ubusithi “kwabangathi liphupha, bangaka elugqamfana, behla kwesasihobothi, bathi qhaphu gqi esapha, babenwele ziyephu yephu, ndlebe zikhanyilanga, kukhokele ingqungqumbana, yomolaka kowethu umneno, ilelukablankethi, exhakazela zizixhobo zokushicilela kwaphithizela abantwana, kwakhala ungathi yinja, bathathingqaka basishiya nentlaka.”

Umfanekiso: Dideka Njemla
Olu phehlelelo belungaphelelanga ekufundeni imibongo kuphela, bekukwakho iimbongi ebezixhobisa iimbongi ezisakhasayo ngezinto ezinokuthi zizenze ukuze zibe ziimbongi zosiba ezishicilelweyo. “Kwiimbongi ezisakhulayo ndingathi ukuba kubalulekile ukufunda imisebenzi yezinye iimbongi khona ukuze uzokwazi ukuba yintoni abanye abantu esele bebhale ngayo, ndifuna ukuyibeka icace ukuba abashicileli bayayithanda imbongi eza nezinto ezintsha, imbongi eza nelizwi layo elahlukileyo kwezinye imbongi,” utshilo uSaki. Uhlabele mgama wathi yena uyimbongi ethandayo ukubhala ngezinto ezenzekayo ekuhlaleni naselizweni jikelele, lo nto uyenzela ukuba efuna uluntu luthathe inxaxheba ekuguquleni indlela izinto ezenzeka ngayo elizweni. Uye wacebisa wathi zonke iimbongi zosiba ezicinga ukuba imibongo yazo ayenzi mdla maziqhubeke zibhale kwaye luyishicilele imibongo, kungenzeka ukuba babhala into ezakutshintsha ubomi bomntu, ngoko mabangoyiki.

Umfanekiso: Dideka Njemla
Obethethela iTsintsha uthe ukuba bona beziimbongi ezi Poetic Tuesday abazenzeli nzuzo nto nje bazenzela ukunceda-ncedana ukuba babengababhali abaphum’ izandla kwaye basebenzisa izakhono zabo ukuveza esidlangalaleni izinto abahlangabezana nazo ekuhlaleni ngokuthi babhale imibongo ngazo. “Xa ungumntu ofuna ukuzuza kwimibongo yakho kufuneka uhlale nawe phantsi uzibuze ukuba yintoni le umbongo wam uyenzileyo ukuguqula impilo yabantu le yenza ukuba kufaneleke ukuba ndifune inzuzo, lilonke mna xa undibuza ukuba yintoni endiyizuzayo kule mibongo yam ndizakukuxelela ngeminyaka engamashumi amabini okuguqula impilo yabantu kwakunye nokuveza izimvo zam eluntwini. Ukuwavala imibongo ayikho ngemali, ingembongi nendima yayo,” utshilo uAndile Nayika.
Uphinde wathi baye baceba ukuvuselela le nkqubo khona ukuze banike abantu abatsha iqonga abanokuthi balisebenzise ukuveza izakhono zabo esidlangalaleni. UNayika uyibeke yacaca eyokuba imenza buhlungu into yokungaluboni ulutsha lwaseJoza luyinxalenye yemibhiyozo yeNational Arts Festival neyenzeka eMakhanda minyaka le. Uthe bayivuselela into yokuba banike abantu abatsha iqonga abanothi balisebenzise ukuba yinxalenye yaleFestival. Uqwele ngelithi wonke la malinge bawenza bebambisene neAmazwi Museum.