The imbongi is talking about the supposedly a Freedom Month which seemed to be cancelled. 27 April will no longer be celebrated this year. Thokombisan’iminqonqo phantsi. Kubi xa amadod’eqolozele ezibhekileni zibe iinkomo zilahleka edlelweni. Safa isizwe nguwe khorona. Iminyhadala yenkcubeko, ezemidlalo njalonjalo tu cwaka kulo nya. Yabhomboloza imbongi yenjenje.
Nivile ke kambe senivile
Ngathi sibik’imbiba sibik’ibuzi
Sidla ngendeb’endala gxeba siyatshikila
Sitshikilela okuhle gxebe ingozi
Isibulala mntu isichithangcinga ntle
De salibala nembali yale nyanga
Tshazimpunzi waba yinyanga yovuyo kuMzantsi Afrika omtsha
Mhla kwayiyizelwa sagco;oda isizwe
Qalakaqa galakaqa kugcobe nose beleni
Nenkedama yathemb’ithamsanqa elalise mqolo
Oo asinamama tata siza sinjalo singena nto
Tsi! Min’ezimandi andina mkhala wenu
Nyakandini 2020 usothusile
Sathi singacingelanga kant’usifakel’iintong’
Khoron’ibitheni na le idlala ngelizwe lethu?
Wacinywa uTshazimpunzi nditsho uApril
Wacinywa cimiyane eMzantsi Afrika
Singacinganga yeyela inyanga yethu yenkululeko
Umhla wama 27 wale nyanga akathethi nto
Iipasika azithethanga nto kulo nyaka
Ezicaweni kwakhal’ibhungane kwasal’amalulwane
Owu madoda inyanga yethu yenkululeko
Kwavalwa izikolo nendawo zemisebenzi, imbali
Sesi nyeke iinyanga ezizayo, sithembile
Enkosi Mongameli Ramaphosa noRhulumente
Ngokukhusela isizwe. Sisahleli ezindlwini
Linxele lika khetsekile lisinyonyozele