NguCHRIS TOTOBELA
IKrisimesi ifike phambi kwexesha kwiqela lebhola ekhatywayo iSophia Stars, emva kokuba uOld Mutual ethe jize eliqela ngenkxaso yezinto zokudlala. Oku kwenzeka emveni kokuba uZanele Malgas ongumsebenzi kulenkampani ethe waqaphela indlela eliqela elisokola ngayo logama lisenza inguqu enkulu ekuhlaleni.
UMalgas uye wasikwa yimfesane wazama uncedo kwinkqubo yenkampani yakhe ejongene nophuhliso lwemibutho yase kuhlaleni. UMalgas uthe “ndiziva ndingakwazi ukuwuvala umlomo luvuyo namhlanje xa ndibona iziqhamo zemisebenzi yam. Eyona nto enditsalileyo kubo kukubona ukuba lebhola yabo ihamba nemfundo kwaye idlala indima enkulu ekulweni umkhwa wokusetyenziswa kwezi yobisi ngabantwana abaselula kakhulu”.
Ophetheyo kwa-Old Mutual, umnumzana Xolani Mangesi uthe “ndichulumance kakhulu yilento iqhubeka apha namhlanje nanjengoko thina sinoxanduva lokunceda abo basweleyo kwiindawo esihlala kuzo. Kubalulekile ukuba singajongi ingeniso qha, kodwa nathi solule isandla sethu sincede apho uncedo ludingeka khona. Ndithi kubo mabaqhubeke bangayeki kuba umhle kakhulu lomsebenzi bawenzayo”.
Umphathi weSophia Stars uLindisipho Swaartbooi akakwazanga ukuzibamba luvuyo wathi “ndibulela ngokungazenzisiyo kuOld Mutual, ndibulele naku Thixo ngoba ngaphandle kwakhe akhonto inokwenzeka. Ezizinto sizifumene apha zizokwenza umehluko omkhulu kakhulu kuthi”.

Photo: Stephen Kisbey-Green