Usekela-ngqonyela weRhodes University, uGqirha Mabizela ubongoza amashishini abucala amakhulu eli ukuba akhuphe u-10% werhafu ukuncedisa ekuqinisekiseni ukuba injongo yemfundo yasimahla iyafezeka. Uthethe oku kwintlanganiso yabafundi nabasemagunyeni eRhodes nalapho ebeya kuphendula iimfuno zabafundi ebezichazwe kwintlanganiso yabafundi ngo-10 ekuseni nge-21 kaSeptemba.
Usekela-ngqonyela weRhodes University, uGqirha Mabizela ubongoza amashishini abucala amakhulu eli ukuba akhuphe u-10% werhafu ukuncedisa ekuqinisekiseni ukuba injongo yemfundo yasimahla iyafezeka. Uthethe oku kwintlanganiso yabafundi nabasemagunyeni eRhodes nalapho ebeya kuphendula iimfuno zabafundi ebezichazwe kwintlanganiso yabafundi ngo-10 ekuseni nge-21 kaSeptemba.
UMabizela uthi udanile yimpendulo karhulumente ngakumba obaluleke kangaka wokufikelela kwabafundi kwimfundo eluqilima. Utsho esithi akukho namnye umntu ofanele ukuvinjwa ithuba lokufumana imfundo ephakamileyo ngenxa yokuba evela kwikhaya elihlelelekileyo. “Imfundo masingayiboni njengenkcitho koko siqaphele inzuzo esinokuyifumana njengesizwe xa siqinisekisa ukuba ulutsha lwethu lufumana imfundo ekumgangatho ophakamileyo.”
IRhodes ibhale uxwebhu eza kulithumela kwisebe lemfundo ephakamileyo kweli malunga nemiba yokonyuswa kwemali yokufunda equka le ibalulwe ngasentla.
Nangona abafundi bebezivuyela ezinye zezinto ezibalulwe nguGqirha. Mabizela kule ntlanganiso, bashiyeke bengonelisekanga ncam kuba besithi eyona nto abayilwelayo kukuba bonke bafumane imfundo yasimahla. Bathi abakhalazeli ukuba kuzonyuswa imali yokufunda kulo nyaka uzayo, koko bafuna kungahlawulwa konke konke. Ngoko ke, ukumiswa kwenkqubo yokufunda eRhodes kubonakalisa ukungoneliseki kwabafundi yingxelo yomphathiswa wemfundo ephakamileyo, uBlade Nzimande malunga nokonyuswa kwemali yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo kweli.
Aba bafundi bathi abazokwamkela ukunyuswa kwemali yokufunda kulo nyaka uzayo. Bacebisa ukuba iyunivesithi yehlise imali yokufunda kancinci kancinci ze kude kufikelelwe kwinqanaba apho abafundi banikwa imfundo ephakamileyo yasimahla. Phezu koko, abafundi banyanzelisa abasebenzi baseRhodes abaqeshisa ngezindlu zokuhlala kubafundi ukuba behlise imali abayibizayo. Bathi abafundi abafikeleli kwezi zindlu kuba ziyadura.
IRhodes ayikachazi ukuba iza kuyinyusa kangakanani imali yokufunda kulo nyaka uzayo. Kodwa kulindeleke ukuba izigqibo eziza kuthathwa ziiyunivesithi zoMzantsi Afrika kuquka iRhodes zihambelane nengxelo kaNzimande ethi uchatha ozokongezwa ze angadluli ku-8%.